Ujeremiya 13:18-22 Ibhayibhile (XHO96)

18. Mxeleleni ukumkani kunye nonina ukumkanikazi,nithi: “Zithobeni; hlalani phantsi;kuba izithsaba zokuhlonipheka kwenu zithulwe ezintlokweni zenu.”

19. Izixeko zelisezantsi zingqingiwe,akukho bani unako ukungena.Abantu bakwaJuda bathinjiwe,bafudusiwe xa bebonke.

20. Vula amehlo ukhangele, Jerusalem,ubabone abavela ngasentla.Uphi umhlambi owawuwunikiwe?Iphi impahla emfutshane obukade uqhayisa ngayo?

21. Uya kuthini xa abo ububafundisa bengabahlobo, sele benikwe amagunya phezu kwakho?Akuyi kufikelwa yintlungu na okomfazi osikwa yinimba?

22. Wakuzibuza usithi: “Zindihlela ngani ezi zinto?”uzuqonde ukuba kungenxa yobugwenxa bakhosele umbhinqo wakho udlakaziwe,waza nawe wagonyamelwa.

Ujeremiya 13