Ujeremiya 12:16-17 Ibhayibhile (XHO96)

16. Kuya kuthi xa bazifundisisile iindlela zabantu bam, bafunge nangegama lam, bathi: ‘Ekho nje uNdikhoyo’ – nanjengoko bebebafundisa abantu bam ukufunga ngoBhali – nabo ndiya kubazinzisa phakathi kwabantu bam.

17. Xa kukho uhlanga olungevayo ndolunyothula; ewe, ndolunyothula ndiluphanzise.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Ujeremiya 12