Ujeremiya 11:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nali ilizwi elamfikelayo uJeremiya livela *kuNdikhoyo:

2. “Phulaphula le miqathango yomnqophiso, uyixelele abantu bakwaJuda kunye nabo bonke abemi baseJerusalem.

3. Yithi kubo utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Uqalekisiwe lowo mntu ungayithobeliyo imiqathango yomnqophiso,

4. leyo ndayiwisela ooyihlo-mkhulu mhla ndabakhupha eJiputa, ilizwe elalinjengeziko lokunyibilikisa isinyithi kubo. Ndathi kubo: ‘Ndiphulaphuleni, nenze konke endiniyalela kona, khon' ukuze nibe ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wenu,

5. nokuze isifungo endasenza kooyihlo-mkhulu sokubanika ilizwe lobusi nobisi ndisiphumeze.’ Ngulo mhlaba nimi kuwo namhlanje.”Ndaphendula ndathi: “Ewe, amen, Ndikhoyo.”

6. Wathi kum uNdikhoyo: “Hamba ke uvakalise kwiidolophu zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem, uthi: ‘Yibekeleni iindlebe imiqathango yomnqophiso, nihambe ngayo.

7. Okoko ndabakhupha eJiputa ookhokho benu ndasoloko ndigxininisa izihlandlo ngezihlandlo ndisithi kubo: “Ndithobeleni.”

8. Basuka abaphulaphula bona, abandihoya, koko basuka balandela ububi beentliziyo zabo eziqaqadekileyo. Nam ke ndabahlisela zonke iziqalekiso zomnqophiso endathi mabawuthobele, abeva.’ ”

9. Uthe uNdikhoyo kum: “Kukho iyelenqe elenziwa ngabantu bakwaJuda nabaseJerusalem.

10. Babuyele kwikakade looyise-mkhulu abalayo ukundiphulaphula. Bona bâlandela banqula *thixo bambi. Ewe, uSirayeli kunye noJuda bawaphule umnqophiso endawenza kunye nookhokho babo.

11. Utsho ke ngoko uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kubahlisela ishwangusha abangayi kuphuncuka kulo. Nokuba sebendibongoza andiyi kubaphulaphula.

12. Abantu bakwaJuda nabaseJerusalem baya kuya kwabo thixo bebekade bebenzela iziqhumiso, bakhale kubo becela kubo uncedo. Kodwa abayi kuzuza luncedo kwabo thixo ngomhla weshwangusha.

Ujeremiya 11