Uisaya 9:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;kaloku thina silizwe ngonyana.Nguye ke oya kulawula.Ke yena wothiywa igama kuthiwenguMcebisi omangalisayo,uThixo oligorha,uSonini-nanini,iTshawe loxolo.

7. Yena uya kuba yingangalala,into embuso uluxolo olungaphele ndawo.Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide,umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi,uxhathise ngomthetho nangobulungisa,ukusukela ngoku kude kube nini-nini.*UNdikhoyo onekhwele,nditsho uSomandla-onke,nguye oya kuyenza loo nto!

8. INkosi ithumele udaba kuSirayeli;ewe, lona luya kuwa phezu koYakobi.

9. Bonke ke abantu baya kuluqonda,uEfrayim nabemi baseSamariya,abo baqholosa ngendelelo, besithi:

10. “Naxa nje zidilikile izindlu zezitena,thina siya kwakha ngamatye aseleqingqiwe;ngenene yona imithombe igawulwe,kodwa thina sotyala imisedare.”

11. *UNdikhoyo ubayekele ngeentshaba,nditsho iintshaba zeentshaba zabo;ewe, usuke wabaxhokonxela iintshaba.

12. Ngama-Aram ngasempumalanga,ibe ngamaFilistiya ngasentshonalanga;xa zizonke zigragramela uSirayeli.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!

13. Kodwa suka abantu abazisola;hayi, ababuyelanga kumohlwayi,abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.

14. Ngoko ke uNdikhoyo wosuka amohlwaye uSirayeli:uya kumnquml' intloko, amgumpul' umsila;uya kuncothul' isundu, asiphul' ingcongolo.

15. Intloko ke ngabadala nezihandiba;wona umsila ngabashumayeli bobuxoki.

16. Kaloku aba bantu bayalahlekiswa;ewe, bona bayaphuphuthekiswa.

Uisaya 9