Uisaya 8:7-13 Ibhayibhile (XHO96)

7. mna ndiza kubazisela irhuluneli yaseAsiriya kunye nemikhosi yayo, imhlasele uJuda. Ukugaleleka kwayo iya kuba ngathi kukuzalisa nokutyekeza komlambo omkhulu iEfrati.

8. Ukungena kwawo kwelakwaJuda lo mkhosi uya kukhukulisa okomlambo ozeleyo. Wosuka uyinabise imisinga yawo, ngayo ulintywilisele eli lizwe jikelele. Tarhu, Imanuweli!

9. “Ke nina zintlanga, hlaban' umkhosi ninkwantye!Nina zizwe, bekan' indlebe niphulaphule!Qulani niligangathe – kodwa ke – rhorho!Xhobani nif' amacala – niza kuthi shuu!

10. Noba ningade nicebisane, yoba lilize elo;ningathwesana nje kodwa soze niphumelele,kuba kaloku uThixo unathi.”

11. *UNdikhoyo wandibamba ngesandla, wandilumkisa ukuze ndingazilandeli iindlela zaba bantu, wathi:

12. “Izinto abathi liyelenqe wena sukuvuma ukuba ziliyelenqe, ungazixhaleli nezinto abazoyikayo bona.

13. Kaloku nguNdikhoyo uSomandla-onke ongcwele, ngoko ke nguye omawumhlonele umthobele.

Uisaya 8