15. Baninzi ke abaya kukhubeka; ewe, baya kukhahleleka phantsi bacumke; ndithi baya kurhintyeleka emgibeni.”
16. Nina ke, mahlakani am, lwaluseni nilugcine udaba nomthetho kaThixo.
17. Ke mna ndiya kukholosa *ngoNdikhoyo, lo uyifulatheleyo indlu kaYakobi; ewe, mna ndokholosa ndithembele ngaye ngokupheleleyo.
18. Ndim lo kunye nabantwana andinike bona uNdikhoyo. UNdikhoyo uSomandla-onke, obhotwe lakhe likwintaba iZiyon, thina usenze sangumqondiso nomzekelo kumaSirayeli.
19. Xa benicebisa besithi yiyani kwabavumisayo, abaneshologu, nabanoonomathotholo, kutheni ukuba ningababuzi nithi: “Ngani ukuba abantu bangabuzisi kuThixo wabo? Ngani ukuba abantu babuzise kwizinyanya, bathetha-thethane nabafileyo ngenxa yâbo baphilayo?”
20. Into efunekayo kukuthobela umthetho nemfundiso kaNdikhoyo. Xa bengayenzi ke loo nto abanakamva.