9. Kaloku intloko yamaSirayeli yiSamariya,ibe ke yona intloko yeSamariya nguPeka unyana kaRemaliya.Kambe ke ukuba ithemba lakho alimilanga, soze ume.’ ”
10. *UNdikhoyo waqhuba wathi kuAhazi:
11. “Yitsho kuNdikhoyo uThixo wakho akunike umqondiso, noba ngowasenzonzobileni kwelabafileyo okanye emajuku-jukwini phezulu.”
12. Ke kaloku uAhazi uphendule wathi: “Hayi, andiyi kuwucela umqondiso; andithandi kumlinga uNdikhoyo.”
13. UIsaya ke uphendule wathi: “Khawuphulaphule, ndlu kaDavide! Ngathi uyithatha kancinci into yokudinisa abantu! Ngoku sewufunzela ukukruqula noThixo wam lo?
14. Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli.
15. Ke kaloku loo nkwenkwe iya kuthi xa seyikwazi ukukhetha phakathi kokubi nokuhle kube sekudliwa ngendeb' endala, ingamasi nobusi.
16. Kambe ke lothi lingekafiki nelo thuba, ibe yona imihlaba yaba kumkani bakuphakuzelisayo seyikhal' ibhungane.
17. “Wena nabantu bakho ndawonye nekomkhulu liphela uNdikhoyo uza kunizisela inkxwaleko engathethekiyo engazange yalanywe okokoko waqhekekayo umbuso kaSirayeli kowakwaJuda. Ewe, uza kunithumela ngokumkani wama-Asiriya.