Uisaya 7:23-25 Ibhayibhile (XHO96)

23. “Ngelo xesha ke izidiliya ezinemithi eliwaka kuso ngasinye – mithi leyo ixabisa iwaka leesiliva – ziya kuba zitshone lè, zonganyelwe sisiphingo nobobo.

24. Ke bona abantu baya kujikeleza neentolo zabo bezingela. Kaloku lonke eli lizwe loba liphanjwe ngamatyholo anameva ndawonye nobobo.

25. Kwezo ntili apho kwakufudula kulinywa khona kuya kuba kwene ngangokuba kungabi nakusondela mntu khona. Ewe, amasimi abo selejike angamadlelo eenkomo kwaneegusha.”

Uisaya 7