13. Njengonina embambazela usana lwakhendiya kwenjenjalo ukunithuthuzela,nitsho nithuthuzeleke eJerusalem.”
14. Notsho nivuye xa isenzeka le nto;nosuka nihlume nihlaziyeke njengengca.Ngenene niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyabanceda abamthobelayo,nokuba ingqumbo yakhe iphezu kweentshaba zakhe.
15. Nanko uNdikhoyo esiza, edangazela njengomlilo;iinqwelo zakhe zilatyuza njengesaqhwithi.Umsindo wakhe uza kwenza iziqwenga,akhalime ngamalangatye omlilo.
16. UNdikhoyo uza kugweba ngomlilo olenyayo,uluntu aluhlasele ngomkhonto wakhe;ewe, baninzi aya kubatshabalalisa.
17. *UNdikhoyo uthi: “Abo bazikhethayo bazihlambulule, abo benze imingcelele emiyezweni, abatya oozinyama zeehagu, iimpuku, nazo zonke izidlo ezingàtyiwayo ngabantu bam, baya kufa kunye.
18. Ndiyazazi iingcinga nezenzo zabo. Ngoko ke ndiyeza; ndiza kuziqokelela zonke izizwe. Zakufika ke ziya kuwabona amandla am.