1. Akwaba ubungawakrazul' amazulu,uhle esibhakabhakeni,khon' ukuze neentaba zitsho zinyikime,
2. kutsho kube ngathi ngumlilo weentsasa,kube ngathi ngumlilo ubilisa amanzi.Yiza, zitsho neentshaba zakho zikuqonde,nezizwe zitsho zingcangcazele kukoyika,
3. uxelise ngokuyâ wakha wenza iziqwenga.Kaloku ngoko wasiqubula singalindele;ewe, wena wasiqubula warhiwula,zatsho neentaba zothuka zangcangcazela.
4. Kwamandulo akukho bani wakha weva;kwakudala akakho owakha wambona nanini na uThixo onjengawe lo,obancedayo abantu abakholosa ngaye.
5. Kaloku wena ubahlangabeza ngoncedobonke abazinikezele ekwenzeni okulungileyo,abo ke bazikhumbulayo iindlela zakho.Sakuqhubela phambili sikuchasa wakhathazeka.Yaz'ba sohlangulwa kanjani na ke?
6. Sonke sifana nalowo ungahlambulukanga;ewe, neyona misebenzi yethu yobulungisa:mh-mh-mh, ilizothe phambi kwakho!Sisuke sashwabana njengegqabi liphetshethwa ngumoya;ngokunjalo izono zethu zisiqweqwedisile.