13. Yena wabakhokela bacanda inzonzobila,baqhathula njengehashe entlango,babetha kuhle, abaze bakhubeke.
14. Baba njengeenkomo eziya kwisithabazi samadlelo,wenjenjalo uMoya kaNdikhoyo ukubaphumza.Wabakhokela ngaloo ndlela ke abantu bakho,ndlela leyo ke yakwenzela igama.”
15. Usezulwini apho, *Ndikhoyo, khawuthob' amehlo;khawukrwaqule ukwelo khaya lesidima nobungcwele.Kodwa-kodwa ngani ukuba ungakhweleti?Khona ke aphi amandla akho?Iphi ke imfobe novelwano lwakho?Hayi kaloku, nceda sukusifulathela!
16. Kaloku wena unguTata wethu,nakuba singaziwa nje nguAbraham;ukanti noSirayeli akasihoyi.Kambe ke wena, Ndikhoyo, unguBawo;wena waba nguMkhululi wethu kwamandulo.