7. Kananjalo yabelanani nabo abalambileyo,amahlwempu eembacu niwafake ezindlwini.Abo badlakazelayo baphen' impahla;yekani ukusuka nifulathele amawenu.
8. Nam ke ndotsho ndiyenze mhlophe indlela yenu;nezifo zenu ndozinyanga ngokukhawuleza.Ewe, impumelelo yakho iya kukukhokela,ubungangamsha bukaNdikhoyo bukuphahle ngeenxa zonke.
9. Nothi ke nakuzibika, asabele uNdikhoyo;nothi nakukhala, athi: ‘Ndim lo!’“Ukuba nithe nahlukana nengcinezelo,nayeka ukutyityimbisela abanye umnwe,nahlukana nokuyila nokuthetha inkohlakalo –
10. ewe, xa nithe nababela abalambileyo,ukuba nithe nabathuthuzela abaxhwalekileyo,notsho nibe zizibane ezigxotha ubumnyama,ngenene yotsho ibe mhloph' indlela yenu.
11. UNdikhoyo ke wonikhokela njalo-njalo,anibonelele naxa senisenkqantosini.Uya kunomeleza nihlale niphile qete!Nodlamka njengomyezo onkcenkceshelwayo;nofana nomthombo ompompoz' ungaz' utshe!
12. Abanye benu baya kuwakha amabhodlo akudala;iziseko zamandulo ziya kuvuswa.Kothiwa ningabakhi beendonga eziwileyo,abavusi bezitalato ukuze kumiwe kuzo.”
13. *UNdikhoyo ke uthi:“Ukuba nithe ke nawuhlonela *uMhla wokuPhumla,nayeka ukuzikholisa ngalo mhla wam uwodwa,xa nithe nawulangazelela lo mhla,ukuba niyawuxabisa umhla kaNdikhoyo,ngawo ningenzi misebenzi iyeyenu,niyeke ukuzonwabisa ngawo nokuthetha ngokungakhathali,