17. Ndacatshukiswa sisono sabo sokunyoluka,suka ke ndabohlwaya ndabafulathela.Kambe ke basuke baneenkani,babhadulela ekuthandeni kwabo.
18. Ngoku ke ndikubonile ukuziphatha kwabo;ngoko ke ndiza kubanyanga –ndiza kubakhokela ndibasize ndibathuthuzele,
19. abo banesingqala ndibaphakel' indumiso,uxolo nenzolo kwabakufuphi nabasekudeni;ewe, ndiza kubanyanga abantu bam,”utsho uNdikhoyo.
20. Ke zona izikhohlakali ziphithizela njengolwandleolumaza asoloko elatyuza,edudula ukungcola nodaka.