5. Ngoku niya kumema iintlanga eningazaziyo;izizwe ezinganaziyo ziya kunilangazelelangenxa kaNdikhoyo uThixo wenu.Lowo ke nguYedwa kaSirayeli.Kaloku yena unithe jize ngesihomo.”
6. Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;bhenelani kuye ngoku asekufutshane.
7. Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.Maliguquke, lize kuNdikhoyo;yena wosuka abe novelwano lilo.Malize kuThixo wethu,kuba yena uxolela kangangoko.
8. “Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,neendlela zenu azifani nezam,”utsho yena uNdikhoyo!
9. “Njengokuphakama kwezulu emhlabeniziphakamile neendlela zam kunezenu,kanti ke zikwanjalo neengcinga zam.
10. Ilizwi lam nqwa nekhephu nemvula:ziphuma esibhakabhakeni,kanti ke azigoduki ngaphandle kokumanzisa umhlaba,zikhulise izityalo,umlimi zimnike imbewu,olambileyo zimnike ukutya.