Uisaya 54:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Danduluka utyibele, ludlolondini Jerusalem!Ewe, hlabel' ingoma umemelele kaloku,nawe, wen' ungazange wayiva inimba.Kaloku lona usizana loba ngunobantwana;loba ngaphezu kwakhe umfaz' onendoda.Ewe, *nguNdikhoyo oyithethileyo loo nto.

2. Yandise loo ndawo uhlala kuyo;sukuthandabuza, yolule nemikhusane yentente yakho;zandise iintsontelo, uzibethelele ziqine izikhonkwane.

3. Kaloku uza kunabela macalana onke;isizukulwana sakho siya kuzithimba izizwe,umhlaba ubuyele kuso,size sime kwezo zixeko zingamabhodlo.

4. Musa ukuxhala, awuyi kungena hlazweni;ungaphithizeli, awusayi kuthotywa.Ihlazo lobutsha bakho lona lolibaleka,ungabi sasikhumbula nesingcikivo sobuhlolokazi.

Uisaya 54