Uisaya 51:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Khanijonge amazulu phezulu,nijonge umhlaba phantsi.Amazulu othi pheselele njengomsi,umhlaba uguge njengengubo,abantu bafe njengeempukane.Ke lona usindiso lwam lohlala luhleli;ubulungisa bam soze buthini.

7. “Ndiveni, nina babaziyo ubulungisa,luhlangandini lunomthetho wam entliziyweni.Sanukuzihlupha ngâbo baninyelisayo,ningazidubi nangabo banithukayo.

8. Bonyamalala ngathi yingubo edliwe ngamanundu,ngathi buboya begusha obudliwe ngumbungu.Ubulungisa bam bona boma bumi;usindiso lwam lukwizizukulwana ngezizukulwana.”

9. Hoyina, Ndikhoyo! Sihlangule!Xhoba ngamandla akho usihlangule;makube njengemihla yamandulo.Kaloku nguwe owahlanganisela inabulele;nguwe owamqwenga-qwengayo uRahabhi.

10. Nguwe owalomisayo nolwandle;nguwe owavula indlela enzonzobileni,baza badlula abakhululwa bakho.

11. Abo bahlawulelweyo nguNdikhoyobaya kungena eJerusalem bechulumacha,bengqungqa bememelela ngemihlali,bathiwe jize ngovuyo ngonaphakade,bonwabe babe nemincili,bangaze babuye bazane neenzingo neenkxwaleko.

12. UNdikhoyo utsho ukuthi:“Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo;ngani ke ukuba woyike umntu –into evuthuluka njengengca?

Uisaya 51