10. Nguwe owalomisayo nolwandle;nguwe owavula indlela enzonzobileni,baza badlula abakhululwa bakho.
11. Abo bahlawulelweyo nguNdikhoyobaya kungena eJerusalem bechulumacha,bengqungqa bememelela ngemihlali,bathiwe jize ngovuyo ngonaphakade,bonwabe babe nemincili,bangaze babuye bazane neenzingo neenkxwaleko.
12. UNdikhoyo utsho ukuthi:“Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo;ngani ke ukuba woyike umntu –into evuthuluka njengengca?
13. Kanti umlibele na uNdikhoyo uMenzi wakho,yena wawatwabululayo amazulu,yena walisekayo ihlabathi?Ngani ukuba uhlale ngedyudyu,usoyika ingqumbo yomcinezeli?Lowo uzungula ukukutshabalalisasoze abe nako ukukuchukumisa.
14. Abo babanjiweyo sebeza kukhululwa;abayi kufa, koko bodla ubomi obude,bangalambi, koko baxhamle intlutha.