25. Ewe, uNdikhoyo uyalwa nabantu bakhe;wosuka abathi mpaka ngesandla sakhe!Ke zona iintaba zonyikima,izidumbu zibe yinkunkuma ezitalatweni.Naxa kunjalo nje usavutha ngumsindo;ewe, akajiki, uyalekuza.
26. UNdikhoyo uza kuxhokonxa isizwe esikude;uza kuntyontyela esiseziphelweni zehlabathi.NĂ¢so ke sisiza sigxalathelana!
27. Amajoni aso akakhubeki, engadinwa;wona akozeli, akalali nokulala.Ezawo iibhanti azikhululeki,nemitya yeembadada zawo ayiqhawuki.