22. Yeha ke nina, makroti asetywaleni,nina bangamachule okuxuba utywala;
23. nditsho nina bamkhululayo onetyala,ngenxa yokuba nifumene isicengo,nina babugqwethayo ubulungisa komsulwa!
24. Ngoko ke niya kufana nomququ,wona ulencwayo lidangatye;nani niya kuba njengengca,yona ishwatyaniswayo ngumlilo.Niya kusuka nibole iingcambu;intyatyambo yenu iya kuvuthuluka.Kaloku niyimangele ingqeqesho kaNdikhoyo onamandla onke,nalitshica ilizwi likaYedwa kaSirayeli.
25. Ewe, uNdikhoyo uyalwa nabantu bakhe;wosuka abathi mpaka ngesandla sakhe!Ke zona iintaba zonyikima,izidumbu zibe yinkunkuma ezitalatweni.Naxa kunjalo nje usavutha ngumsindo;ewe, akajiki, uyalekuza.