Uisaya 5:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kwisidiliya esiziindima ezilishumikuya kuphuma umphanda wewayini kuphela,ize yona imbewu ezele ingoboziivelise isitya sengqolowa kuphela.”

11. Yeha! Kunyembelekile kuni,nina bavuka ekuseni,nisukelana notywala kube njeya;nina bajikeleza kude kube sebusuku,nide nibe zizinxada-nxada kukunxila!

12. Kwezo ziyunguma sisigingci nehapu,umrhubhe nefluthi, ndawonye notywala;uNdikhoyo yena animkhathalele,nemisebenzi ayenzayo aniyihoyanga.

13. Ngenxa yokuba bengaqiqiabantu bam baza kuthinjwa.Oomaqhuzu babo bofa yindlala,ngokunjalo nomndilili ufe lunxano.

14. Ngoko ke elabafileyo libalambele;ewe, ingcwaba likhamise ng'aa,liza kuziqongqoloza izihandiba zaseJerusalem.Ngokunjalo nezihlwele ziya kutshona kulo,ingabi yongxolo ke, ibe yingxuba kaxaka!

Uisaya 5