Uisaya 49:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. I-i-i-nzwi! Bekan' iindlebe, zizw' ezikude!Yivani ke, nina nto zihlal' ekudeni!*UNdikhoyo wandibiza ndingekaliboni ilanga;ewe, wandikhankanya ndingekazalwa.

2. Wawenza amazwi am ahlaba njengekrele;ewe, yena wandifumbatha ngesandla,wandicikiza ngathi uhombisa utolo,wandithi xhwa sendilind' umayenzeke.

3. Ke yena wathetha nam, wathi:“Wena usisicaka sam, Sirayeli;ngawe ndibhengeza ubungangamsha bam.”

4. Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize;umzabalazo wam ungamampunge.Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo;nguThixo wam oya kundibuyekeza.”

5. UNdikhoyo owandibumba esizalweni,wandenza isicaka sakhe,ukuze ndibuyisele uYakobi kuye,ndiphuthume uSirayeli owabhacayo.Kaloku isidima ndisizuza kuNdikhoyo;amandla am ampompoza kuThixo wam.

6. UNdikhoyo uthethe wenjenje:“Njengesicaka sam akwanele okokuba ubuyisele ubuhandiba kwaYakobi,uphuthume amasalela kaSirayeli endiwalondolozileyo,koko ndikumisela ukuba ube lukhanyiso lweentlanga,ube lusindiso lwam olubandakanya ihlabathi jikelele.”

Uisaya 49