7. Ewe, ndiyidala ngoku;into enje zange yenzeke ngaphambili.Okanye ke ngowusithi ubuyazi kakade.
8. Zange uve uqonde nakuqonda,kuba ubungenako kakade.Bendikwazi ukuba wena awuthembekanga;ndiyakwazi ukuba ungumvukeli owaziwayo.
9. Ngenxa yegama lam ndibuya nganeno ngomsindo;ngenxa yodumo lwam ndiyazithibazaukuze ndingakutshabalalisi.
10. Andinivavanyanga eziko okwesiliva,kodwa ndinivavanye ngehambo-nzima.
11. Kungenxa yam ukuba ndenjenje;soze ndiliyekele ngehlazo igama lam,kungekho bani wosizuza neso sihomo.Andinikisi ngaso; sesam ndodwa.”
12. *UNdikhoyo uthi:“Bek' iindlebe uphulaphule, Yakobi,nditsho wena, Sirayeli endakubizayo.Mna ndinguNdikhoyo: ndingowokuqala,ndikwangowokugqibela.
13. Ndim owamisa iziseko zehlabathi;ndim lo owawatwabululayo amazulu.Ndithetha ngelizwi, zisuke zibekho.
14. Qokelelanani niphulaphule xa ninonke.Kakade sisiphi *isithixo esinokuvakalisa into enjengale?Ndinyule oza kuhlasela iBhabheli.Yena uza kwenza oko kufunwa ndim.
15. Kaloku ndim ngokwam endathethayo,ndim endambizayo, ndamthi jize ngempumelelo.