Uisaya 48:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. Kaloku ndim ngokwam endathethayo,ndim endambizayo, ndamthi jize ngempumelelo.

16. Khawusondele ke uphulaphule.Kwasekuqaleni ndathetha ngokuphandle,futhi nokufezeka kwazo kokwam.”Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo undithumile,wandixhobisa ngoMoya wakhe.

17. Utsho ke *uNdikhoyo,uMkhululi wakho,uYedwa kaSirayeli:“Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho.Ndikufundisa nje kaloku ndiyakunceda;ndikufaka endleleni ekufaneleyo.

18. Akwaba wawuyiphulaphule imiyalelo yam.Ngelumpompoza njengamanzi uloyiso lwakho,budlobe okwamaza ubulungisa bakho.

19. Ngeba ke namhlanje inzala yakho yinyambalala engenakubalwa,lingaze linqanyulwe igama lakho,kananjalo lingaze litshabalale.”

20. Phuman' eBhabheli; washiyeni amaKaledi!Bhengezani ngemihlali;ewe, memezani nazis' abantu bonke, nithi:“UNdikhoyo usihlangule isicaka sakhe uYakobi.”

Uisaya 48