Uisaya 47:7-13 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ubusithi wena woba sisimakade,uhlale uhleli uyikumkanikazi.Khange uzikhathaze nganto;khange uzidube nangokujonga isiphelo.

8. “Phulaphula ke, wena mthandi weziyolo;nditsho wena uzicingela ukuba ukhuselekile,nditsho wena uzilinganisa noThixo,wena othi nguwe okhoyo, akukho wumbi.Ubusithi wena soze ube mhlolokazi;soze ulahlekelwe bantwana.

9. Kodwa ngephanyazo nje – ngamini-nye –ilahleko yabantwana kunye nobuhlolokaziiza kukufikela nawe zikho ezo ngwebedla zakho,ekho loo makhubalo akho namaqwili;ewe, zofika ziphelelise.

10. Ubusithi uza kukhuselwa yinkohlakalo;usithi akukho bani ukubonayo.Ubulumko bakho nolwazi bukulahlekisile;usitsho nje ukuthi nguwe okhoyo, akukho wumbi.

11. Ngoku wena uzelwa sisithwakumbe,ibe nemilingo yakho ayinakuma ngaphambili.Uza kuqutyulwa sisibetho ongenakusingxengxezela,ufikelwe sisihelegu ongazange wasicinga.

12. “Bambelela kuloo makhubalo nezo ziphondo,njengoko kaloku walunyulelwa kuzo!Hleze kuthi kanti zisenokunceda;mhlawumbi ngazo ungazigrogrisa iintshaba.

13. Namacebiso lawo akuqobile;mabeze kaloku oosiyazi bakuhlangule,nditsho abo bacalula iinkwenkwezi,abo bazoba amazulu ngezigaba zawo,abo baphicotha ubume benyanga nganye,baze bambulule baxele izinto ezizayo.

Uisaya 47