Uisaya 45:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,ke wona umhlaba uya kulwamkelakutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”

9. Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?

10. Umntwana angamkhalazela na uyise nonina,athi: “Nindizalele ntoni?”

11. *UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,umdali wakhe, uthi:“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,nindinkqangise ngabantwana bam,nide nindixelele ngemfanelo yam?

12. Ndim owalenzayo ihlabathi;ndim owadala uluntu kulo;ngezam izandla ndawatwabulula amazulu;ndiyayilawula inyambalala yawo.

13. Ngobulungisa bam ndim oxhokonxe uKoreshi;ndoyityeneneza indlela ayihambayo.Isixeko sam iJerusalem wobuya asivuse;uza kubakhulula abantu bam abathinjiweyo.Loo nto woyenza ngaphandle kwembuyekezo;kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla-onke.”

Uisaya 45