Uisaya 45:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. “Qokelelanani, nonke zizwe;nditsho nina, mingqandanda esindileyo.Yizani kaloku nizokuxoxa,bantundini bazizityhakala ezingazi nto,nina batyethe imifanekiso yomthi,nina banqula *oothixo abangento yanto.

21. Yizani kuxoxa enkundleni;mabathetha-thethane abamangalelwa.Ngubani owayixela kwamandulo le nto?Ngubani owayivakalisa ingekenzeki?Asindim na Ndikhoyo?NdinguThixo osindisayo, olilungisa;ngaphandle kwam akukho Thixo.

22. “Khangelani kum nisindiswe,nina zizwe zehlabathi liphela.Kaloku ndim uThixo, akukho wumbi.

23. Ngenene ndiyafunga,yaye esam isifungo sinyanisekile;ewe, sona soze siguquke:Zonk' iintlanga zokhahlela kum,zifunge ukuba zondithobela.

24. Zovuma zithi: ‘KukuNdikhoyo kuphela ukuzuzwa kosindiso namandla.’ ”Ke bona abamthiyileyo bohlazeka.

25. Kodwa ngenxa kaNdikhoyo yonk' inzala kaSirayeli yogwetyelwaize imdumise.

Uisaya 45