3. Libasukelisa libaleqe lula nje.Asimendu! Ntaka yakwabani!
4. Yaz'ba ngubani na umphembi wale ntlekele?Ngubani owasimiselayo esi sishiqi?Mna *Ndikhoyo, yaba ndim kwasekuqaleni;ewe, yoba isendim nasekugqibeleni.”
5. Iziqith' ezikude nazo zibonile;ewe, iziphelo zomhlaba zitsho zarhwaqela zangcangcazela.Nâzo ziqokelelana zisiza.
6. Ziyancedana esinye nesinye;ewe, zikhuthazana ngelithi: “Yomelelani!”
7. Umchweli ukhuthaza umnyibilikisi,nàlo ugudisa umfanekiso ukhuthaza lo uwudibanisayo.Uthi: “Hayi, ngunonca!”Batsho babethelele isikhonkwane, uqine nkqi umfanekiso.
8. “Ke wena, sicaka sam Sirayeli,nditsho wena, ndlu kaYakobi,wena uluhlanga endilunyulileyo,uyinzala yesihlobo sam uAbraham.
9. Ndakulanda eziphelweni zehlabathi,ndakubiza kwiindawo ezisekudeni,ndaza ndathi: ‘Usisicaka sam.’Andikubukulanga; ndakunyula.
10. Ngoko ke ndinawe, sukoyika;ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.Ndiza kukomeleza ndikusize,amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.
11. “Ke bona abo bakusunduzayo baya kuhlaziswa;ewe, abakulwayo soze babe nto.
12. Iintshaba zakho uya kuzifuna,kambe ke sobe uzifumane.Abalwa nawe bophel' emehlweni.