Uisaya 41:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Libasukelisa libaleqe lula nje.Asimendu! Ntaka yakwabani!

4. Yaz'ba ngubani na umphembi wale ntlekele?Ngubani owasimiselayo esi sishiqi?Mna *Ndikhoyo, yaba ndim kwasekuqaleni;ewe, yoba isendim nasekugqibeleni.”

5. Iziqith' ezikude nazo zibonile;ewe, iziphelo zomhlaba zitsho zarhwaqela zangcangcazela.Nâzo ziqokelelana zisiza.

6. Ziyancedana esinye nesinye;ewe, zikhuthazana ngelithi: “Yomelelani!”

7. Umchweli ukhuthaza umnyibilikisi,nàlo ugudisa umfanekiso ukhuthaza lo uwudibanisayo.Uthi: “Hayi, ngunonca!”Batsho babethelele isikhonkwane, uqine nkqi umfanekiso.

8. “Ke wena, sicaka sam Sirayeli,nditsho wena, ndlu kaYakobi,wena uluhlanga endilunyulileyo,uyinzala yesihlobo sam uAbraham.

9. Ndakulanda eziphelweni zehlabathi,ndakubiza kwiindawo ezisekudeni,ndaza ndathi: ‘Usisicaka sam.’Andikubukulanga; ndakunyula.

10. Ngoko ke ndinawe, sukoyika;ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.Ndiza kukomeleza ndikusize,amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

11. “Ke bona abo bakusunduzayo baya kuhlaziswa;ewe, abakulwayo soze babe nto.

12. Iintshaba zakho uya kuzifuna,kambe ke sobe uzifumane.Abalwa nawe bophel' emehlweni.

Uisaya 41