13. Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;ndokugcina ndikomeleze,ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’
14. “Ewe, mna Ndikhoyo ndithi:‘Ubuthathak' unjalo, Yakobi,nimbalwa ninjalo, Sirayeli,kodwa sukoyika, ndiza kukusiza.Mna Yedwa, Thixo kaSirayeli,ndim okukhululayo.’
15. Ndokutsh' ube ngathi usisileyi sokubhulaesinangayiway' amazinyo amatsha.Wozicol' iintaba uzivuthulule,iinduli uzicole zibe luthuli.
16. Uya kuzijiwuza emoyeni,ke won' umoya uzitsho ziphephetheke;uqhwithelo lozithatha lumke nazo.Ke wena utsho wonwatyiswe nguNdikhoyo,undidumise mna Yedwa kaSirayeli.
17. “Abahlelelekileyo bam bofuna amanzi bancame;sebekhothekile bona lunxano.Ke mna Ndikhoyo ndosisabela isikhalo sabo –mna Thixo kaSirayeli soze ndibalahle.
18. Ndogqabhuz' imilambo emqwebedini,kutsho kumpompoz' imithomb' ezintilini,intlango ndiyijike ibe yimigxobhozo,umqwebedu utsho unkcenkcez' amanzi.
19. Entlango kokhul' imisedare,ibe ngumngampunzi, umnquma, nemetile.Elibharhileyo lokhula ipayini,isipresi, nomgalagala.
20. Boyibona abantu le nto baqonde,baqaphele bazi,bathi nguNdikhoyo lo uyenzileyo.Ewe ngenene, botsho baqonde ukuba oku kudalwe nguYedwa kaSirayeli.”
21. “Nina *zithixo zeentlanga, ethe ubungqina benu;” utsho *uNdikhoyo.Ewe, uKumkani kaSirayeli uthi: “Khaniyibeke apha ingxoxo yenu, sive.
22. Yizani kaloku, xelani izinto ezizayo;chazelan' inkundla iziganeko zamandulo;ewe, zichazeni nentsingiselo yazo.
23. Khanisixelele ngekamva kaloku;khona nathi sotsho sithi ningoothixo.Yenzani noba yentle okanye ebuhlungu;nathi sitsho sirhwaqele, soyike.
24. Okokwenu nina niyinkunkuma,nemisebenzi yenu yimfitshi-mfitshi.Bangamasikizi abo banichongayo.