Uisaya 4:3-6 Ibhayibhile (XHO96)

3. Elo qaqobana labantu abachongwe nguThixo basala eJerusalem bokwaziwa ngokuba ngabantu bakaThixo ncakasana.

4. Kaloku iNkosi iya kukuhlambulula ukungcola kwabafazi baseZiyon, iligutyule negazi eliphalele eJerusalem, nto leyo iya kuyenza ngoMoya wayo ogwebayo, uMoya wayo ovuthayo.

5. Intaba iZiyon nabo bonke abakuyo uNdikhoyo uya kubagubungela ngelifu alidalileyo elirhuqayo emini, aze ngokuhlwa abakhanyisele ngedangatye eliqaqambileyo. Ewe, uThixo isixeko eso uya kusisitha asikhusele ngobungangamsha bakhe.

6. Ngenene isixeko esi siya kuba semthunzini ngexa lasemini, sibe yinqaba sikhuseleke ezimvuleni nakwiinkqwithela.

Uisaya 4