26. “ ‘Ngaba awuzange uve na,ukuba le nto yamiselwa ndim,ukuba sekuntsuku ndayicwangcisayole nto yenzekayo namhlanje,ukuba wena udilize izixeko ezinqatyisiweyo,uzivuthulule zitsho zibe ngamabhodlo?
27. Abemi bazo baphelelwe ngamandla;bathe nkamalala, bayanyongoba.Nqwa nomfino emasimini phayangathi zizithombo ezithukuzayo;ngathi yingc' entshula phezu kwendlu,esuk' itshe ingakhulanga nokukhula.
28. “ ‘Kambe ke ndikwazi kakuhle;ndikwazi ukusuka nokuhlalanamagwevu okundivukela kwakho.
29. Kaloku wena uzimisele ukulwa nam.Ndivile nangokundinyelisa kwakho.Ndiza kukuqhobosha impumlo,ndikufake umkhala emlonyeni,ndikubuyisele aph' ubuvela khona.’
30. “Nanku ke umqondiso wakho, Hezekiya:“ ‘Kulo nyaka uza kutya ummilela,kowesibini utye ummilela wommilela,kowesithathu ke uhlwayele uvune,utyale izidiliya, utye iziqhamo zazo.