Uisaya 36:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngonyaka weshumi elinesine wokulawula kukakumkani uHezekiya kwelakwaJuda, ukumkani waseAsiriya uSenakeribhe wazihlasela wazithimba zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda.

2. Ke kaloku wandulula ingqwayi-ngqwayi yakhe eLakishe, eyithumela eJerusalem nomkhosi omkhulu. Ingqwayi-ngqwayi leyo ke yema kwindlela ebheka apho kusetyenzwa khona amalaphu, ngakumjelo otsala amanzi kwiqula elingentla.

3. Yahlangatyezwa nguEliyakim unyana kaHilekiya umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, ndawonye noJowa unyana ka-Asafu usiba-khulu.

4. Ingqwayi-ngqwayi yathetha nabo yathi: “Xelelani uHezekiya nithi: ‘Ithethe ngolu hlobo ingangalala ukumkani waseAsiriya: Njengokuba uzithembe kangaka nje, Hezekiya, uqamele ngantoni kanye?

5. Akuzilibali unamacebo nobuchule bomkhosi onamandla. Awu, waza walavuza kambe! Ukholose ngabani undivukela nje?

6. Jonga, ndiyazi ukuba uthembele ngeJiputa. Xa ingubani yona, umsimelelo ofana nengcongolo entlekekileyo, ojika uhlabe izandla zomntu osimelela ngawo, umtsho abe namanxeba. Ewe, unjalo ukumkani waseJiputa; ubenjenjalo bonke abakholosa ngaye.

Uisaya 36