Uisaya 34:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Emazulwini umkhonto wam uxhaphile;nanko usihlela e-Edom,abantu abagwetyw' intshabalalo.

6. Umkhonto kaNdikhoyo wodad' egazini;ewe, utsho waxhapha ngamanqathangathi ligazi lamatakane neebhokhwe,namanqatha ezintso zenkunz' egusha.EBhozera uNdikhoyo uya kwenza idini;ewe, yoba ngamatyadidi kwaEdom.

7. Abantu baya kuwa njengenqu;bafane neenkunzi ezindala nezingamathole.Umhlaba uya kufuma ligazi,nothuli lunyephe ngamafutha.

8. Ngemini yakhe uNdikhoyo wophindezela,unyaka wembuyekezo ngenxa yeZiyon.

9. Imilamb' e-Edom yoba mnyama,umhlaba ufane nesalfure;umhlaba wofana netha evuthayo.

Uisaya 34