1. Woze afike ukumkani olawula ngolungelelwano,izinxiba-mxhaka zitsho ziphathe ngemfezeko.
2. Zonke ngazinye zoba ngumqolomba mhla ligquthayo,zibe yinqaba yokuzimela mhla ngoqhwithela.Zofana nemijelo yamanzi kwelibharhileyo,zibe lithunzi lamawa kwilizwe eliyinkangala.
3. Zona ziya kuba namehlo,ziqonde iingxaki zoluntu.Ziya kuba neendlebe,zikuphulaphule ukuzibika kwabantu.
4. Yoqonda nengqiqo yezityhuthu-tyhuthu,nabathintithayo bathethe ngokucacileyo.
5. Isiyatha akusayi kuthiwa ngohloniphekileyo;neqhophololo akusayi kuthiwa ngonyanisekileyo.