9. Ubutyala babo abufihlakali;kaloku banjengeSodom, badlisela ngokona.Futhi ke abanazazela ngaloo nto;ewe, kunyembelekile kubo!Isikhuni sibuye nomkhwezeli.
10. Kambe ke, hayi inyhweba yâbo balungisayo!Bona baya kuxhamla iziqhamo zemisebenzi yabo.
11. Kodwa ke kunyembelekile ngakwizikhohlakali,kuba zojikelwa kwazizenzo zazo.
12. Abantu bam baxhatshazwa naziimveku,bade balawulwe nangabafazi.Ewe, lusapho lwam, iinkokheli zenu ziyanintlokothisa;senide nadideka, anayazi nemaniyenze.
13. Ngoku *uNdikhoyo uzimisele ukuxoxa;seleza kugweba iintlanga.
14. Ewe, uza kuwisa isigwebo kumadod' amakhulu nakumatshawe.Nasi isityholo asimisayo:“Nini abanqwamze isidiliya,nemizi yenu iyaphuphuma zizinto eniziphange kubantu abahlelelekileyo.