Uisaya 29:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Uya kuthotyelwa eluthulini,uthethe ngelizw' elivumbuluk' emhlabeni,usebeze ngelezithunzela.

5. Kodwa ke iintshaba zakho zovuthululwa njengothuli,imikhosi eyomeleleyo itshayelwe njengomququ.Ngethuba elingephi, ngephanyazo,

6. uNdikhoyo uSomandla-onke uya kukuhlangula;uya kutsho ngentswahla yeendudumo nenyikima,ibe sisivungu-vungu esigquthezayo,umlilo nedangatye elilenyezayo.

7. Yonke imikhosi yezizwe ezihlaselayo,ezihlasela iAriyeli,izixhobo nezikrweqe zazo konke nje,koba njengephupha,njengombono wasebusuku.

8. Kofana nomfo olambileyo ephupha,engathi uyatya, kodw' akuvuk' usalambile;okanye umntu othe khothe lunxano,ophuph' esela, phof' avuke esanxaniwe.Koba njalo ke ukuphoxeka kwemikhosi yezizweleyo ihlasela intaba yeZiyon.

9. Zithwangeni nitsho nibe zizityhakala;zimfamekiseni ke, nitsho nimfameke;nxilani, noba anikhange nibufake;gxadazelani, ningaselanga tywala.

10. *UNdikhoyo unitsho nangamayosi-yosi;unitsho nayeketheka bubuthongo.Kaloku amehlo enu avalekile,neentloko zenu zincithekile;ewe, abashumayeli benu ababoni, abaqiqi.

11. Intsingiselo yemibono iya kufihlakala kuni, ifane nencwadi ecikiweyo. Niya kuthi nakuyisa kwabo baziyo, nisithi: “Khanisifundele,” bathi: “Asinako, kuba itywiniwe.”

Uisaya 29