Uisaya 29:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ngoko ke mna ndosuka ndiphinde ndibancithe ngesishiqi phezu kwesithwakumbe,nobulumko beengqondi butsho buthi shwaka,nobungcaphephe bamaqili butsho bunyamalale.”

15. Asazi ke kwabo bazifihlayo –kunyembelekile kwabafihlela *uNdikhoyo iinjongo zabo,kwabo benza izinto ebumnyameni,besithi: “Ngubani oya kusibona? Ngubani oya kusazi?”

16. Iinto zonke bona bayazibhukuqa:kukho udongwe nombumbi – yiyiphi eyona-yona?Into ebunjiweyo ingamsola na umbumbi isithi: “Andenziwanga nguye”?Udongwe lungatsho na kumxonkxi ukuthi: “Awunangqiqo”?

17. Kaloku kukho isimbo esithi:“Amahlathi aseLebhanon ojika abe ngumyezo weziqhamo,ke wona umyezo ube ngamahlathi.”

18. Ngaloo mini ke nesithulu siya kuva;siya kuweva amazwi afundwa encwadini.Nemfama ehlala esithokothokweni sobumnyamaovuleka amehlo ayo, itsho ibone.

19. Nabo bangazelwe nto uNdikhoyo uya kubavuselela ngolonwabo;abahlelelekileyo boba nemihlali ngoYedwa kaSirayeli.

20. Eso soba sisiphelo seendlobongela,batsho banqamke abamgxekayo uThixo,nabaququzeleli bobubi batsho baphele.

21. Baya kutshabalala abaphixanisayo;konyembeleka kwabacupha abantu ngobugqwetha;abo bajika ubulungisa ngobuxoki,bacudulele abantu abamsulwa.

22. Ngoko ke ngoku uNdikhoyo owakhulula uAbraham uthi mayela nendlu kaYakobi:“UYakobi akaphindi abe semahlazweni,engasoze aphinde abuye anxube!

Uisaya 29