Uisaya 29:14-19 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ngoko ke mna ndosuka ndiphinde ndibancithe ngesishiqi phezu kwesithwakumbe,nobulumko beengqondi butsho buthi shwaka,nobungcaphephe bamaqili butsho bunyamalale.”

15. Asazi ke kwabo bazifihlayo –kunyembelekile kwabafihlela *uNdikhoyo iinjongo zabo,kwabo benza izinto ebumnyameni,besithi: “Ngubani oya kusibona? Ngubani oya kusazi?”

16. Iinto zonke bona bayazibhukuqa:kukho udongwe nombumbi – yiyiphi eyona-yona?Into ebunjiweyo ingamsola na umbumbi isithi: “Andenziwanga nguye”?Udongwe lungatsho na kumxonkxi ukuthi: “Awunangqiqo”?

17. Kaloku kukho isimbo esithi:“Amahlathi aseLebhanon ojika abe ngumyezo weziqhamo,ke wona umyezo ube ngamahlathi.”

18. Ngaloo mini ke nesithulu siya kuva;siya kuweva amazwi afundwa encwadini.Nemfama ehlala esithokothokweni sobumnyamaovuleka amehlo ayo, itsho ibone.

19. Nabo bangazelwe nto uNdikhoyo uya kubavuselela ngolonwabo;abahlelelekileyo boba nemihlali ngoYedwa kaSirayeli.

Uisaya 29