Uisaya 29:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kunyembelekile kuwe, Ariyeli, sixeko esathinjwa nguDavide!Mayijikeleze ihambe iminyaka;mayenjenjalo nemibhiyozo yonyaka.

2. Kodwa mna *Ndikhoyo ndokuhlasela, Ariyeli;yoba sisijwili nokuyayatheka,kum ube ngathi liziko elivuthayo.

3. Ndokuhlasela ndikungqinge ngeendonga,ndikujikeleze ngeemboniselo.

4. Uya kuthotyelwa eluthulini,uthethe ngelizw' elivumbuluk' emhlabeni,usebeze ngelezithunzela.

5. Kodwa ke iintshaba zakho zovuthululwa njengothuli,imikhosi eyomeleleyo itshayelwe njengomququ.Ngethuba elingephi, ngephanyazo,

6. uNdikhoyo uSomandla-onke uya kukuhlangula;uya kutsho ngentswahla yeendudumo nenyikima,ibe sisivungu-vungu esigquthezayo,umlilo nedangatye elilenyezayo.

7. Yonke imikhosi yezizwe ezihlaselayo,ezihlasela iAriyeli,izixhobo nezikrweqe zazo konke nje,koba njengephupha,njengombono wasebusuku.

8. Kofana nomfo olambileyo ephupha,engathi uyatya, kodw' akuvuk' usalambile;okanye umntu othe khothe lunxano,ophuph' esela, phof' avuke esanxaniwe.Koba njalo ke ukuphoxeka kwemikhosi yezizweleyo ihlasela intaba yeZiyon.

9. Zithwangeni nitsho nibe zizityhakala;zimfamekiseni ke, nitsho nimfameke;nxilani, noba anikhange nibufake;gxadazelani, ningaselanga tywala.

10. *UNdikhoyo unitsho nangamayosi-yosi;unitsho nayeketheka bubuthongo.Kaloku amehlo enu avalekile,neentloko zenu zincithekile;ewe, abashumayeli benu ababoni, abaqiqi.

Uisaya 29