Uisaya 28:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. Loo ntyatyambo itshitshayo, ichophe phezu kwentili echumayo,yoba ngathi lulibo lwamakhiwane,lona luthi lungavela luqhawulwe lutyiwe.

5. Ikho kamb' imini ezayo;*uNdikhoyo uSomandla-onke woba ngathi yintshinga,isiqhwaqhwalala sembasa yeentyatyambo;uya kuba njalo kwelo qaqobana lisindileyo.

6. Ke bona abo bachophel' ukugwebawobathi jize ngomoya wokwazelelela;abayi kusilela noolindikhaya emasangweni –wobakhuthaza abaphe ukomelela.

7. Nababingeleli ngokwabo bayanxila,nabashumayeli bayagxadazela butywala.Utywala babusela bade bahexe;ungafika beyotywe bade badideka.Abashumayeli bathwangeke bancitheka,nkqi ukuluqiqa udaba lukaThixo;nababingeleli bayashwantshatha butywala,abanako ukuyicalula imicimbi.

8. Iitafile – mh-mh-mh, zibondekile!Zitsho zangamanangalala bobubuyayo;kurhiphilili, akukho nendawo!

9. Kodwa bakhalaza bathi:“Ngubani ongafundiswa nguye?Ntshumayeloni yona leyo?Suka! Ifanel' iintsana, yini le!Ilingen' abakhov' ukulunyulwa!

10. Khanimbone ukuzimisela kwakhe!Khanimve epitiliza ubugoci-goci;yenjenje, yenjenjeya,nci-nci-nci-nci, yonk' inanana!”

11. Ngoko ke uThixo wonithumel' iintlanga,isizw' esilwimi lungaziwayo;ngaso woninik' isifundo.

12. Ngani nina aba kanye wathi:“Yiyo le intuthuzelo nokuphumla kwenu;le yindawo yokuphumla!”Suka ke nina anamhoya.

13. Ngenxa yoko ke yena *uNdikhoyowosuka abe yinto nani;uza kunifundisa bonke ubugoci-goci,anithi nca ngabo ubucukubhede.Wonithi mbende ngenkcukacha nenanana!Ngoko ke nosuka nithi thwanga,noba ngasus' unyawo nikhubeke;nosuka nenzakale ningxwelerheke;norhintyelek' emigibeni nithinjwe.

Uisaya 28