3. Woyiphosa phantsi emhlabeni!Loo ntshinga yeenkokheli ezinxilayo zaseSamariyayonyathelwa ixotyongwe ngeenyawo.
4. Loo ntyatyambo itshitshayo, ichophe phezu kwentili echumayo,yoba ngathi lulibo lwamakhiwane,lona luthi lungavela luqhawulwe lutyiwe.
5. Ikho kamb' imini ezayo;*uNdikhoyo uSomandla-onke woba ngathi yintshinga,isiqhwaqhwalala sembasa yeentyatyambo;uya kuba njalo kwelo qaqobana lisindileyo.
6. Ke bona abo bachophel' ukugwebawobathi jize ngomoya wokwazelelela;abayi kusilela noolindikhaya emasangweni –wobakhuthaza abaphe ukomelela.
7. Nababingeleli ngokwabo bayanxila,nabashumayeli bayagxadazela butywala.Utywala babusela bade bahexe;ungafika beyotywe bade badideka.Abashumayeli bathwangeke bancitheka,nkqi ukuluqiqa udaba lukaThixo;nababingeleli bayashwantshatha butywala,abanako ukuyicalula imicimbi.
8. Iitafile – mh-mh-mh, zibondekile!Zitsho zangamanangalala bobubuyayo;kurhiphilili, akukho nendawo!
9. Kodwa bakhalaza bathi:“Ngubani ongafundiswa nguye?Ntshumayeloni yona leyo?Suka! Ifanel' iintsana, yini le!Ilingen' abakhov' ukulunyulwa!
10. Khanimbone ukuzimisela kwakhe!Khanimve epitiliza ubugoci-goci;yenjenje, yenjenjeya,nci-nci-nci-nci, yonk' inanana!”
11. Ngoko ke uThixo wonithumel' iintlanga,isizw' esilwimi lungaziwayo;ngaso woninik' isifundo.
12. Ngani nina aba kanye wathi:“Yiyo le intuthuzelo nokuphumla kwenu;le yindawo yokuphumla!”Suka ke nina anamhoya.
13. Ngenxa yoko ke yena *uNdikhoyowosuka abe yinto nani;uza kunifundisa bonke ubugoci-goci,anithi nca ngabo ubucukubhede.Wonithi mbende ngenkcukacha nenanana!Ngoko ke nosuka nithi thwanga,noba ngasus' unyawo nikhubeke;nosuka nenzakale ningxwelerheke;norhintyelek' emigibeni nithinjwe.
14. Iinzwi, ke nina bagxeki,nditsho nina balawul' eJerusalem!Yivani; uyatheth' *uNdikhoyo.