17. Umthetho ndowenza umtya wokulungelelanisa,ubulungisa bube yintambo yokundindanisa.Ubuxoki benu botshayelwa sisichotho,iimpuphuma ziyikhukulise inqaba yenu.
18. Umnqophiso wenu nokufa uya kutshitsha,nesivumelwano nelabafileyo sonqamka.Ekugalelekeni kwaso isithwakumbesona siya kunibetha sinongamele.
19. Isithwakumbe sobetha sinikhukhulise;kobe ngasa ibe siso nani.Soba ngunonca imini nobusuku.”Ukuchazwa kolu daba kuya kunirhwaqelisa.
20. Wozaliseka ke nomzekeliso othi:“Akukho kunaba – umandlalo mfutshane;kanti nengubo libhayi – ayambathisi.”
21. Kuba uNdikhoyo uya kulwa njengamhla mnene,nditsho apho kwintaba iPerazim.Koba ngathi kukwintili yaseGibhiyon;woba ufezekisa umsebenzi ongalindelekanga,ephumeza oko kuhlasimlisayo.
22. Ngoko ke, khawuthi cwaka, mgxeki,hleze akusinde amakhamandela akho;kuba sivakele kum isandi sentshabalalo,isaziso esimiselwe lonke ilizwe,siphuma kuMhlekazi uNdikhoyo onamandla onke.