11. Ngoko ke uThixo wonithumel' iintlanga,isizw' esilwimi lungaziwayo;ngaso woninik' isifundo.
12. Ngani nina aba kanye wathi:“Yiyo le intuthuzelo nokuphumla kwenu;le yindawo yokuphumla!”Suka ke nina anamhoya.
13. Ngenxa yoko ke yena *uNdikhoyowosuka abe yinto nani;uza kunifundisa bonke ubugoci-goci,anithi nca ngabo ubucukubhede.Wonithi mbende ngenkcukacha nenanana!Ngoko ke nosuka nithi thwanga,noba ngasus' unyawo nikhubeke;nosuka nenzakale ningxwelerheke;norhintyelek' emigibeni nithinjwe.
14. Iinzwi, ke nina bagxeki,nditsho nina balawul' eJerusalem!Yivani; uyatheth' *uNdikhoyo.
15. Kaloku nina niqhayisa ngokuthi:“Thina senze umnqophiso nokufa;sinesivumelwano nalo elabafileyo.”Suka nazikhohlisa ke nisithi:“Nangomhla wesithwakumbe ke thina sothubeleza;thina kaloku siqamela ngokuxoka,inkohliso nobuxoki yinqaba yethu.”
16. INkosi enguNdikhoyo ke yona ithi:“EZiyon ndibeka isiseko esingagungqiyo;kuso ndifak' inyengane ekhethiweyoentsingiselo ithi ozinikezeleyo akasayi kukhukhuliseka.