Uisaya 27:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Zona iintshaba mazizimele kum,mazizabalazele uxolelaniso;ngenene mazicele uxolo.”

6. Ngemihl' ezayo uYakobi uya kumila;ewe, uSirayeli uya kudubula aqhakaze;ilizwe lophuphuma yimveliso yakhe.

7. USirayeli noko yena akohlwaywanga kangako,noko akafaniswanga neentshaba zakhe,akatshatyalaliswanga njengabagwinti bakhe.

8. Yena wohlwaywe ngokuthinjwa,suka yena wafuduswa ngesaqhwithikazi somoya,njengeso somoya wasempuma.

9. Isono sikaYakobi ke socanyagushelwa,oko ke kube sisiqhamo sokuxolelwa kwakhe,akuba amatye amaqonga ecoliwe,nditsho amaqonga *oothixo basemzini.Bowacumza njengelitye elinkum-nkum,kungabi sabakho qonga lasiqhumiso,kungasali namfanekiso ka-Ashera.

10. Satsho salilolo isixeko esinqatyisiweyo.Mzindini obalekiweyo washiywa,ngoku sowumatwa nentlango.Kulapho adla khona amathole,anqunquda anqunqude acambalale.

11. Amaseb' emithi oma ade aqhuzuke,bancedakale ke abafazi ngezo nkuni.Kaloku esi sisizwe esingaqondiyo,ngoko ke tu usini kuMdali waso;ewe, uMxonxi akayi kuba naluvelwano.

12. Ngelo thuba uNdikhoyo uya kubaqokelela abantu bakhe ngabanye ngabanye, oku komntu obhulayo esahlula ingqolowa nomququ. Ewe, uya kuqalela kumlambo iEfrati, aye kuthi xhaxhe kumda waseJiputa.

13. Kwangelo thuba kuya kuhlokonyiswa isigodlo, sibabize beze bephuma eAsiriya naseJiputa, apho babethinjwe khona. Baya kubuya bafike banqule uNdikhoyo kwintaba yakhe eyodwa eJerusalem.

Uisaya 27