11. Amaseb' emithi oma ade aqhuzuke,bancedakale ke abafazi ngezo nkuni.Kaloku esi sisizwe esingaqondiyo,ngoko ke tu usini kuMdali waso;ewe, uMxonxi akayi kuba naluvelwano.
12. Ngelo thuba uNdikhoyo uya kubaqokelela abantu bakhe ngabanye ngabanye, oku komntu obhulayo esahlula ingqolowa nomququ. Ewe, uya kuqalela kumlambo iEfrati, aye kuthi xhaxhe kumda waseJiputa.
13. Kwangelo thuba kuya kuhlokonyiswa isigodlo, sibabize beze bephuma eAsiriya naseJiputa, apho babethinjwe khona. Baya kubuya bafike banqule uNdikhoyo kwintaba yakhe eyodwa eJerusalem.