2. Akayi kukhetha bani;kubo bonke ukufa kobe kunkongolo.Kofana kumbingeleli nakwibandla,ibe yiloo nto kumnumzana nesicaka sakhe;kube kwanjalo kwinkosikazi nesicakazana,kumthengi nakulowo uthengisayo;kube yiloo nto kumboleki nakumbolekisi,kwizityebi nakwabo balambileyo.
3. Ihlabathi liya kuba yinkangala exushekileyo;liya kuba ngumqwebedu oxhwithekileyo.Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.
4. Nâlo ihlabathi lirhawuka, litshaza.Ewe, ihlabathi liyangcungcutheka, liyabuna;isibhakabhaka nomhlaba ziyatshitsha.
5. Uluntu luligqwalisile eli hlabathi;ngokwaphula imiyalelo kaThixo bonakalisile.Ewe, imimiselo yakhe bayikrobozile,baza bawuxusha ngeenyawo umnqophiso waphakade.
6. Ngoko ke liqalekisiwe ihlabathi,nabemi balo ke libambethe ityala.Ewe, uluntu nalo ke lutsho larhawuka;ngoku liqaqobana kuphela eliseleyo.
7. Izidiliya nazo ke zitshazile,newayini ke itsho yanqaba;ababefudula bonwabile bathe rhubaxa.
8. Ingoma ekhatshwa yingqongqo inqamkile,imikhwazo yolonwabo nayo iphelile,ukuhlasimlisa kwesigingci kukombela.
9. Intselo-tywala ayisakhatshwa yimihlali;ngoku utywala buyakrakra nakwiindla-manzi.
10. Isixeko nâso sitsho sangumbhodamo;iminyango yezindlu ke yona ivalwe mba.
11. Ezitalatweni phaya balilela utywala;imivuyo yabo ijike yakukudakumba;imihlali nolonwabo zimkile ehlabathini.
12. Isixeko ngoku sisele singamabobosi,nesango likroboke lavuthuluka.
13. Kuya kuba njalo ke ehlabathini jikelele;nantso ke into eya kwenzeka ezizweni zonke:koba ngathi lixesha lokubethwa komnquma,ngathi sisidiliya esivunwe sakhwahlazwa.
14. Abo basindileyo baya kutsholoza bantyiloze;entshona baya kuduma bakhahlelengenxa yobungangamsha bukaNdikhoyo;bothi: “Bayethe!”
15. Nina basempuma, yitshoni ngendumasi;nani baselunxwemeni, dombozani nibonge uNdikhoyo;ewe, mdumiseni uThixo kaSirayeli.
16. Ingoma yezibongo ivakala eziphelweni zehlabathi:“Hayi, ubungangamsha baLowo ulilungisa!”Athi ke mna – kuxa bendiyintoni na kakade!Ewe, kunyembelekile, akukho yam kwaphela!Abangcothozi bona benza ngokungcothoza;ngokungcatsha kwabo abangcatshi bayangcotsha.
17. Yeha ke nina, bemi bahlabathi,anikho kukunkwantya imigibe nenzonzobila!
18. Nobenevuso wasaba kuba esoyika;woth' esabaleka eyele enzonzobileni.Omnye wogwencel' aphum' emhadini,suka ke arhintyelwe zizabatha.Kaloku amazul' ayivulele imvula,zatsho zangcangcazela iziseko zehlabathi.