Uisaya 24:2-14 Ibhayibhile (XHO96)

2. Akayi kukhetha bani;kubo bonke ukufa kobe kunkongolo.Kofana kumbingeleli nakwibandla,ibe yiloo nto kumnumzana nesicaka sakhe;kube kwanjalo kwinkosikazi nesicakazana,kumthengi nakulowo uthengisayo;kube yiloo nto kumboleki nakumbolekisi,kwizityebi nakwabo balambileyo.

3. Ihlabathi liya kuba yinkangala exushekileyo;liya kuba ngumqwebedu oxhwithekileyo.Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.

4. Nâlo ihlabathi lirhawuka, litshaza.Ewe, ihlabathi liyangcungcutheka, liyabuna;isibhakabhaka nomhlaba ziyatshitsha.

5. Uluntu luligqwalisile eli hlabathi;ngokwaphula imiyalelo kaThixo bonakalisile.Ewe, imimiselo yakhe bayikrobozile,baza bawuxusha ngeenyawo umnqophiso waphakade.

6. Ngoko ke liqalekisiwe ihlabathi,nabemi balo ke libambethe ityala.Ewe, uluntu nalo ke lutsho larhawuka;ngoku liqaqobana kuphela eliseleyo.

7. Izidiliya nazo ke zitshazile,newayini ke itsho yanqaba;ababefudula bonwabile bathe rhubaxa.

8. Ingoma ekhatshwa yingqongqo inqamkile,imikhwazo yolonwabo nayo iphelile,ukuhlasimlisa kwesigingci kukombela.

9. Intselo-tywala ayisakhatshwa yimihlali;ngoku utywala buyakrakra nakwiindla-manzi.

10. Isixeko nâso sitsho sangumbhodamo;iminyango yezindlu ke yona ivalwe mba.

11. Ezitalatweni phaya balilela utywala;imivuyo yabo ijike yakukudakumba;imihlali nolonwabo zimkile ehlabathini.

12. Isixeko ngoku sisele singamabobosi,nesango likroboke lavuthuluka.

13. Kuya kuba njalo ke ehlabathini jikelele;nantso ke into eya kwenzeka ezizweni zonke:koba ngathi lixesha lokubethwa komnquma,ngathi sisidiliya esivunwe sakhwahlazwa.

14. Abo basindileyo baya kutsholoza bantyiloze;entshona baya kuduma bakhahlelengenxa yobungangamsha bukaNdikhoyo;bothi: “Bayethe!”

Uisaya 24