16. “Thath' isigingci ujikelez' isixeko,henyukazindin' eselide laphutha.Sikhalise untyiloze ngengoma kwakhona,ukuze ubuye udle ngendeb' endala.”
17. Emva kwaloo minyaka ingamashumi asixhenxe uNdikhoyo iTire woyibuyisela kwaushishino lwayo lwamandulo, uhenyuzo, ize iziqeshise kuzo zonke izikumkani zehlabathi.
18. Loo mali ke iyizuze kwezorhwebo iya kuyinikela kwezikaNdikhoyo. Ewe, loo mali ayiyi kugcinwa, koko iya kusetyenziswa ngâbo banqula uNdikhoyo, bathenge ukutya nezingayiwayo izinxibo.