Uisaya 2:8-22 Ibhayibhile (XHO96)

8. Awu! Asiyomifanekiso kwilizwe labo!Kaloku bakhahlela kwaizinto ezenziwe kwangabo;banqula umsebenzi wezandla zabo.

9. Ewe, uluntu luphuthile,ngenene abantu bahlazekile.Ngoko ke ungaze ubaxolele!

10. Ke bona baya kuzifaka emaweni,bazimele baziqhusheke nasemhlabeni,kuba besoyika ingqumbo *kaNdikhoyo,bebaleka ukukhazimla kobungangamsha bakhe.

11. Ikratshi lomntu lihlalele ukuphuthiswa,nokukhukhumala kwakhe kuthotywe.Ngaloo mini ke nguNdikhoyo yedwa oya kubalasela.

12. Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uwumisile umhla wembubho;baya kuthi shuu abanekratshi nabaziphakamisayo,nditsho abaqwanyileyo nabaqhoshayo.

13. Uya kuyincothula naloo misedare mide yaseLebhanon,ayitoncule naloo mioki yaseBhashan.

14. Uya kuzibhukuqa neenkaba-nkaba zeentaba,azilebele neencochoyi zeenduli.

15. Andisathethi ke ngeemboniselo eziziinkelekethe.Koba njalo ke nakuzo zonke iinqaba.

16. Iinqanawa zokurhweba wozitshonisa,ade antywilisele nezakhiwe ngobugcisa.

17. Ewe, ikratshi lomntu liya kuphuthiswa,nokukhukhumala kwakhe kuthotywe,ngaloo mini ibe nguNdikhoyo yedwa obalaseleyo.

18. Ngenene ke yona imifanekiso iya kubhujiswa!

19. Ke bona abantu baya kungena emiqolombeni,baziqhusheke nditsho nasemingxunyeni,bezimela ubuqaqawuli bobungangamsha bakheekufikeni kwakhe eze kuwurhwaqelisa umhlaba.

20. Ngaloo mini abantu baya kuyilahla imifanekiso yabo yesiliva neyegolide,nditsho leyo bayenzele ukuyinqula.Ewe, yoba lixhoba leempuku namalulwane.

21. Ke bona baya kungena emiqolombeni,bazifake ezimfanteni ezawaneni,bebaleka ingqumbo kaNdikhoyo,bezimela ubuqaqawuli bakheekufikeni kwakhe eze kuwurhwaqelisa umhlaba.

22. Ngoko ke musa ukukholosa ngomntu;kuxa engubani ekrobo-krobo nje!

Uisaya 2