4. AmaJiputa ndowanikela aphathwe gadalala:oba sezandleni zorhulumente okhohlakeleyo;aya kulawulwa ngukumkani osisikhohlakali.”Utsho ke uNdikhoyo uSomandla-onke.
5. Umlambo iNayile uya kutsha khonkqo,amanzi awo aphele kuthi tu!
6. Asivumba eliya kubakho kwimijelo yawo!Iintlambo zeNayile zowutha zitshe;iingcongolo nemikhanzi ziya kutshaza.
7. Ngasemlanjeni apho utyani bosuka buyobe;namasimi apho kuloo ntilindini osuka atshaze, avuthuluke aphele.
8. Sovakala isikhalo nencwina yabalobi.Baya kukhala abaphosa umnatha emanzini;amaqhogi abalobi aya kubuya ze.
9. Abasebenzisa umqhaphu baya kutyhafa,nabo basontayo bophelelwa ngamandla.
10. Ewe, kuya kuba nzima kubenzi belaphu,ibe lusizi lodwa kubaqeshwa.
11. Amaphakathi aseZowan wona zizityhakala;loo matshawe alumkileyo ayalahlekisa!Ngani ukuba ade athi kukumkani:“Thina siziingcaphephe zeengqondi,amahlakani ezikumkani zamandulo”?
12. Phendula, kumkanindini waseJiputa:Aphi loo maphakathi akho aziingqondi?Ngani ke ukuba angakucebisiakuxelele oko kuza kuhlela iJiputa?Nditsho isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.
13. Hayi bo! Amaphakathi aseZowan ziziyatha,iinkokheli zaseMemfisi zididekile;amathenjwa aseJiputa ngabalahlekisi.
14. UNdikhoyo ubayekele ngomoya wolahlekiso.Kungokunje iJiputa iyaphithizela,ityibilika emhlanzweni njengenxila.
15. Kulo lonke ke elaseJiputa,kwizityebi ngokunjalo nakumahlwempu,abo baziwayo nabangazelwe nto,akukho namnye ungalivezayo icebo.