Uisaya 19:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. UNdikhoyo ke uthethe wathi:“Ndiza kuxhokonxa umJiputa avukele umJiputa;elowo nalowo uza kuvukelana nomntakwabo,ummelwane avukelane nommelwane.Ngokunjalo isixeko sovukelana nesixeko;ewe, uburhulumente bovukelana noburhulumente.

3. AmaJiputa aza kudideka atyhafe;amacebo awo osuka aphunze.Aya kunkinkq' uncedo koothixo abaqingqiweyo;osuka abhenele kwabo bafileyo;obhenela kwabaneshologu nabambululayo.

4. AmaJiputa ndowanikela aphathwe gadalala:oba sezandleni zorhulumente okhohlakeleyo;aya kulawulwa ngukumkani osisikhohlakali.”Utsho ke uNdikhoyo uSomandla-onke.

5. Umlambo iNayile uya kutsha khonkqo,amanzi awo aphele kuthi tu!

6. Asivumba eliya kubakho kwimijelo yawo!Iintlambo zeNayile zowutha zitshe;iingcongolo nemikhanzi ziya kutshaza.

7. Ngasemlanjeni apho utyani bosuka buyobe;namasimi apho kuloo ntilindini osuka atshaze, avuthuluke aphele.

8. Sovakala isikhalo nencwina yabalobi.Baya kukhala abaphosa umnatha emanzini;amaqhogi abalobi aya kubuya ze.

9. Abasebenzisa umqhaphu baya kutyhafa,nabo basontayo bophelelwa ngamandla.

Uisaya 19